ISIXHOSA
UKULUNGISA IZIPHENE
1. Iketile iyazicima phambi kokuba ibile.
- Ngokuthe gabalala kubangelwe kukwakheka kwesikali ngaphakathi kwaye kungasonjulelwa
ngokushenxiswa kwekhemikali.
- Okunye, iketile inokuba isetyenziswe ngengozi ngaphandle kwamanzi okanye amanzi
angonelanga, kwabangela ukuba isixhobo sokusebenza sivalekelwe lukhuseleko. Yisete
ngokutsha njengoko kucacisiwe ngezantsi.
2. Ukuseta ngokutsha isivali ngci sokukhusela samanzi esomileyo.
- Yilinde imizuzu emi-5 iketile iphole, uze uyizalise ngamanzi kwakhona. Cofa iswitshi
ka-ON/OFF, kwaye emva koko iketile iya kuziseta ngokutsha ngokuzenzekelayo malunga
nemizuzu engama-25, ize iqalise ukubilisa.
3. Iketile ayisebenzi.
- Khangela ukuba ingaba isiboneleli sombane silayitiwe na kwisokethi eseludongeni.
- Ukuba iketile inesivali ngci sokukhusela samanzi esomileyo siya kuba senziwe sasebenza
(bona kumhlathi ongaphezulu).
4. Amanzi anencasa engaqhelekanga.
- Ngokuthe gabalala oku kwenzeka kuphela emva kokuyisebenzisa okokuqala, kwaye
akuyongxaki ukuba aye achithwa amanzi abiliswe ekuyisebenziseni okokuqala njengoko
kucetyisiwe kwicandelo elithi
Ukusebenzisa iketile yakho
. Ukuba iyazingisa ingxaki, zalisa
iketile iye kwinqanaba lika-MAX, uze wongeze iitispuni ezi-2 ze-sodium bicarbonate. Bilisa
futhi uwachithe amanzi.
5. Iketile yakha isikali ngaphakathi kwaye/okanye amanzi ajika abe nkungu.
- Ukuba uhlala kwindawo yamanzi anzima oku kuqhelekile, kwaye kubangelwa yi-calcium
ne-magnesium carbonates esemanzini, ngoko ke kuya kubaluleka ukuyishenxisa rhoqo
ikhemikali. Ukuba unqwenela ukufumana okuninzi ngohlobo lwamanzi akwindawo yakho,
inkampani yamanzi ekwindawo ohlala kuyo ingakunika icebiso ngale nto.