![Essentials JB-1008 Скачать руководство пользователя страница 19](http://html.mh-extra.com/html/essentials/jb-1008/jb-1008_instruction-manual_2428547019.webp)
3
YAZI I-HOTPLATE YAKHO
E. Ukuhlalisa
F. Iithyubhu ezijikelezayo zokwenza
shushu
G. Amaqhosha olawulo lwamaqondo
obushushu
H. Izibane ezalatha umbane
INKCUKACHA
Ivolteji
: AC 230 V/50 Hz
Iwattage
: 2200 W
Ikhodi
: iplagi yomhlaba eyi-3-pin, (ukunciphisa ukukhatywa ngumbane)
Ithemostati
: Ibhrendi yase-China
UKUSEBENZISA I-HOTPLATE YAKHO
Kufuneka uyifunde yonke imiyalelo ngenyameko phambi kokuba usisebenzise esi sixhobo.
Shenxisa yonke imathiriyeli yokuphakheja kwaye ukhangele ngenkathalo, uqiniseisa ukuba i-hot
plate yakho ikwimeko entle. Makungabikho kuchachamba kwiyunithi nomonakalo kwintambo/plagi.
Musa ukulahla nayiphi ekupakishweni de zonke izinto ziye zafunyanwa.
Kufuneka uqiniseke ukuba ivoltheji ekwi-hotplate iyahambelana nevoltheji esekhayeni lakho.
Shenxisa naziphi na iileyibheli ezincamathelayo okanye izitikha phambi kokuyisebenzisa.
Kumele uwosule ngenkathalo umphezulu womphandle kunye ne-elementi ejikelezayo ngelaphu
elifudumeleyo elifumileyo ukushenxisa naluphi na uthuli olunokuba luthe nca. Yosula yome ngetawuli
ecocekileyo.
IMIYALELO YOKUSEBENZISA
1.
Phambi kokusebenzisa i-hotplate okokuqala, jikela i-hotplate iye kweyona setingi iphezulu
kangangemizuzu emi-3 ukuya kwemi-5 ukuqhelanisa ikhowuthingi yokukhusela. (Oku kumele kube
lixesha elilodwa i-hotplate iya kube ilayitwa ngaphandle kokuba nesixhobo sokupheka esikuyo). Xa
isetyenziswa okokuqala, i-hotplate inokuba nevumba elincinci nenkungu yomsi. Oku kuqhelekile
kwaye kungenxa yokutshiswa okokuqala kwamalungu angaphakathi.
2.
Ukwenzela umsebenzi onempumelelo we-hotplate yakho, izixhobo zokupheka kumele zibe nesiseko
esiqinileyo kwaye silingane kangangoko nedayamitha esondele kwi-18 cm ukuya kuma-20 cm kunye
nomthamo omkhulu weelitha ezi-8. Idayamitha yesiseko yezixhobo zokupheka ezincinane
kunedayamitha ye-hotplate akumele zisetyenziswe.
3.
Abukhathaliseki ubukhulu bazo, iimbiza neepani akumele zibe nkulu kune-hotplate okanye zime
kufuphi esondeleyo kwizilawuli.
ISIXHOSA
Содержание JB-1008
Страница 27: ......