ISIXHOSA
UKULUNGISA IZIPHENE
1. Iketile iyazicima phambi kokuba ibile.
- Ngokuthe gabalala kubangelwe kukwakheka kwesikali ngaphakathi kwaye
kungasonjulelwa ngokushenxiswa kwekhemikali.
- Okunye, iketile inokuba isetyenziswe ngengozi ngaphandle kwamanzi okanye
amanzi angonelanga, kwabangela ukuba isixhobo sokusebenza sivalekelwe
lukhuseleko. Yisete ngokutsha njengoko kucacisiwe ngezantsi.
2. Ukuseta ngokutsha isivali ngci sokukhusela samanzi esomileyo.
- Linda imizuzu emi-5 iketile iphole, uze uyizalise ngamanzi kwakhona. Cofa
iswitshi ka-ON/OFF. Emva koko iketile iya kuziseta ngokutsha ngokuzenzekelayo
malunga nemizuzu engama-25, ize iqalise ukubilisa.
3. Iketile ayisebenzi.
- Khangela ukuba ingaba isiboneleli sombane silayitiwe na kwisokethi
eseludongeni.
- Ukuba iketile inesivali ngci sokukhusela samanzi esomileyo siya kuba senziwe
sasebenza (bona kumhlathi ongaphezulu).
4. Amanzi anencasa engaqhelekanga.
- Ngokuthe gabalala oku
kwenzeka kuphela emva kokuyisebenzisa
okokuqala,
kwaye akuyongxaki ukuba aye achithwa amanzi abiliswe ekuyisebenziseni
okokuqala njengoko kucetyisiwe kwicandelo elithi
Ukusebenzisa iketile yakho
.
Ukuba iyazingisa ingxaki, zalisa iketile iye kwinqanaba lika-MAX, uze wongeze
iitispuni ezi-2 ze-sodium bicarbonate. Bilisa futhi uwachithe amanzi.
5. Iketile yakha isikali ngaphakathi kwaye/okanye amanzi ajika abe nkungu.
- Ukuba uhlala kwindawo yamanzi anzima oku kuqhelekile, kwaye kubangelwa
yi-calcium ne-magnesium carbonates esemanzini, ngoko ke kuya kubaluleka
ukuyishenxisa rhoqo ikhemikali. Ukuba unqwenela ukufumana okuninzi
ngohlobo lwamanzi akwindawo yakho, inkampani yamanzi ekwindawo ohlala
kuyo ingakunika icebiso ngale nto.