ISIXHOSA
UKUYIKHATHALELA NOKUYICOCA
Phambi kokuyicoca, yikhuphe kwiplagi iketile yakho uyiyeke iphole.
1. Umphandle: Yisule ngelaphu elifumileyo, uze ngelomileyo.
-
Musa ukuzisebenzisa izikhuhli
– ziya kuyikhuhla imiphezulu yeplastiki.
-
Musa ukuwusebenzisa umgubo wokukhuhla, okanye naziphi na ezinye
iimveliso njengoko zinokutshintsha ibala leketile yakho.
2. Umphakathi: Yisule nge-sodium bicarbonate kwilaphu elifumileyo. Yihlambulule
ngenyameko. Nangona iketile yakho iza nesihluzi, kusadingeka ukuba uwucoce
rhoqo umphakathi (kunye nesihluzi).
3. Isihluzi: Nokuba uyihlambulula ngaphantsi kwetephu okanye usebenzise ibhrashi
ethambileyo, (okanye ucoce iketile xa ushenxisa ikhemikali kwisixhobo).
Yihlambulule ngenyameko
4. Kwiindawo zamanzi anzima, kuyimfuneko ukushenxisa ikhemikali kunye neempawu
ezenziwa kukufakwa kwamanzi eketileni njengoko oku kungabangela umsebenzi
waphambi kwexesha weswitshi yokomisa ukubilisa. Izicoci zeketile/izishenxisi
zekhemikali
ezahlukeneyo
ezikhupha
izikali
neempawu
ziyafumaneka
kwiisuphamakethi, kwiikhemesti, nakwezinye iivenkile.
UKUSHENXISA IKHEMIKALI
1. Xa ilayimskeyile isakheka kwielementi etshisayo, thenga isishenxisi sekhemikali
esifanelekileyo uze ushenxise ikhemikali kwiketile yakho.
2. Ilayimskeyile iyalandisa ixesha lokubilisa amanzi kwaye ingayibangela itshe ielementi.
Emva kokushenxisa ikhemikali, bilisa amaxesha amaninzi ngamanzi amatsha, uze
uwachithe. Shenxisa naziphi na izishenxisi zekhemikali kwiketile njengoko
zingawonakalisa amalungu.
3. Ezinye iindawo zelizwe zinamanzi abutshokhwerha. Oku kwenza amanzi abilisiweyo
akhangeleke ebunkungurha kwaye ashiye into emacaleni eketile. Oku kuqhelekile
kodwa kungashenxiswa ngokucoca okuqhelekileyo.
4. Isiqinisekiso asiyi kukhavarisha iketile eyonakele ngenxa yokungashenxiswa
kwekhemikali.
5. Ukuphelelwa kombala wendawo engaphakathi yeketile kungenxa yeemeko zamanzi
endaweni yakho akuyi kuthathwa njengokungasebenzi kakuhle.
6. Kucetyiswa ukuba uyicoce rhoqo iketile yakho.